2 Ookumkani 4:41-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Akaba nako ukukudla. Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.

42. Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe.

43. Wathi, Nika abantu, badle. Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba Ăștsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye.

44. Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.

2 Ookumkani 4