2. Wangqingwa ke umzi, kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.
3. Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesiné yaqina indlala phakathi komzi; ababa nasonka abantu belizwe.
4. Wagqojozwa umzi, asaba onke amadoda okulwa ngobusuku, ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye amaKaledi ewujikelezile umzi); wahamba ukumkani ngendlela yaseArabha.
5. Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfikela ezinkqantosini zaseYeriko, yamphalala, yemka kuye yonke impi yakhe.
6. Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela; lathethwa apho ityala lakhe.
7. AbasÃka oonyana bakaZedekiya ekhangele; amtyhaphaza amehlo uZedekiya, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu, amsa eBhabheli.