9. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njegako konke awakwenzayo uyise.
10. Ngelo xesha benyuka abakhonzi bakaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, beza eYerusalem; wangqingwa umzi lowo.
11. Wawufikela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, bewungqingile abakhonzi bakhe.
12. Waphuma uYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani waseBhabheli, yena nonina, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe; ukumkani waseBhabheli wamthabatha ke ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe.
13. Warhola khona bonke ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wazinqunqa zonke iimpahla zegolide, awazenzayo uSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova, njengoko wakuthethayo uYehova.
14. Wayifudusa yonke iYerusalem, nabathetheli bonke, namagorha onke anobukroti, ishumi lamawaka abathinjwa, zonke iingcibi nabakhandi; akwasala mntu, yaba ngamahlwempu elizwe odwa asalayo.