2 Ookumkani 23:14-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Waziqhekeza nezimiso zamatye, wabagawula ooAshera, wazizalisa iindawo zazo ngamathambo abantu.

15. Kananjalo isibingelelo esibe siseBheteli, isigánga awasenzayo uYarobheham, unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli, eso sibingelelo neso sigánga wasidiliza; wasitshisa isigánga, wasicola saluthuli; wamtshisa uAshera.

16. Wabheka uYosiya, wawabona amangcwaba abekhona entabeni, wathumela, wawathabatha amathambo emangcwabeni lawo, wawatshisela phezu kwesibingelelo, wasenza inqambi ngokwelizwi likaYehova, awalimemezayo umfo wakwaThixo, owawamemezayo la mazwi.

2 Ookumkani 23