2 Ookumkani 21:24-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Abantu belizwe elo bababulala bonke abo babecebe ukumkani uAmon. Bathi abantu belizwe elo bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

25. Ezinye izinto zika-Amon awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

26. Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe, emyezweni kaUza. UYosiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

2 Ookumkani 21