14. Ndowalahla amasalela elifa lam, ndibanikele esandleni seentshaba zabo, ukuba baphangwe bathinjwe zizo zonke iintshaba zabo;
15. ngenxa enokuba benzé okubi emehlweni am, bandiqumbisa, kususela kwimini abaphuma ngayo ooyise eYiputa unanamhla.
16. Kananjalo igazi elimsulwa Ășliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; sisodwa sona isono sakhe awawonisayo ngaso amaYuda, ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.