2 Ookumkani 19:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathi uIsaya kubo, Nòtsho kwinkosi yenu ukuthi, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukuwoyika amazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bokumkani waseAsiriya.

7. Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.

8. Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe.

9. Weva kusithiwa ngoTiraka, ukumkani wakwaKushi, Nanko ephuma eza kulwa nawe. Wabuya wathumela abathunywa kuHezekiya, esithi,

10. Nòtsho kuHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Musa ukulukuhlwa nguThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.

11. Uyabona, ùkuvile wena oko bakwenzáyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa. Ùya kuhlangulwa na ke wena?

2 Ookumkani 19