2 Ookumkani 19:19-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.

20. Wathumela ke uIsaya, unyana ka-Amotse, kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.

21. Lilo eli ilizwi alithethileyo uYehova ngaye, Intombi eyintombi enguZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi enguYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.

22. Ngubani na lo ùmngcikivileyo, ùmnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele izwi lakho, uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.

23. Ngabathunywa bakho ùyingcikivile iNkosi, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyayigawula imisedare* yayo emide kakhulu, nemisipres* yayo enyuliweyo, ndifíke kweyokuphela indawo yayo yokulalisa, ehlathini lentsimi yayo echumayo.

24. Mna ndimbé ndasela amanzi abefudula engekho, ndayomisa ngeentende zeenyawo zam yonke imijelo yaseYiputa.

25. Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba. Ndikufikisile, kwenzeka ngoku, ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.

26. Abemi bayo bánqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, isihumba engqoloweni ingekabi mvila.

27. Ke, ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.

2 Ookumkani 19