2 Ookumkani 18:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngomnyaka wesithathu kaHoseya unyana kaEla, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uHezekiya, unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaYuda.

2. Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguAbhi, intombi kaZekariya.

3. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.

2 Ookumkani 18