2 Ookumkani 17:28-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Waya ke omnye wababingeleli, ababefudusiwe kwelakwaSamari, wahlala eBheteli, wamana ebafundisa ukuba mabathini na ukumoyika uYehova.

29. Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zezigánga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.

30. Amadoda aseBhabheli enza uSukoti-bhenoti*, amadoda aseKuti enza uNeregale;* amadoda aseHamati enza uAshima;*

31. awaseAya enza uNibhehas* noTartake;* awaseSefarvayim atshisa oonyana bawo ngomlilo kuAdrameleki noAnameleki, oothixo baseSefarvayim.

32. Ebemoyika noYehova; azenzela eluntwini lonke ababingeleli bezigánga, ábabenzela amadini ezindlwini zezigánga.

33. UYehova ayemoyika, oothixo bawo ebakhonza ngokwesiko leentlanga ababefuduswe kuzo.

34. Unanamhla enza ngokwamasiko amhlamnene; akamoyiki uYehova, engenzi ngeyawo imimiselo nangelawo isiko, nangokomyalelo nomthetho, awabawiselayo uYehova oonyana bakaYakobi, awamnika igama elinguSirayeli.

35. Wenza umnqophiso nabo uYehova, wabawisela umthetho, wathi, Ize ningoyiki thixo bambi, ningabanquli, ningabakhonzi, ningabingeleli kubo;

36. nguYehova yedwa owaninyusayo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu nangengalo eyolukileyo; nguye eniya koyika yena, nimnqule, nibingelele kuye;

37. imimiselo, namasiko, nomyalelo, nomthetho awanibhalelayo, nigcine ukwenza yona yonke imihla, ningoyiki thixo bambi;

2 Ookumkani 17