2 Ookumkani 15:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise;

4. kodwa azisuswanga izigánga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.

5. UYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe; wahlala endlwini eyodwa. Ke uYotam, unyana wokumkani, ebephethe ibhotwe, ebalawula abantu belizwe.

6. Ezinye izinto zika-Azariya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

7. Walala uAzariya kooyise; bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

8. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uZekariya, unyana kaYarobheham, kumaSirayeli kwaSamari, iinyanga ezintandathu.

9. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko benza ngako ooyise; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

10. UShalum unyana kaYabheshe wamceba, wamxabela phambi kwabantu, wambulala; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

11. Ezinye izinto zikaZekariya, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

2 Ookumkani 15