2 Ookumkani 12:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesithathu wokumkani uYowashe, ababingeleli bengekazitywini iintanda zendlu,

7. ukumkani uYowashe wambiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? Ke ngoko maningabi sathabatha mali kwabazana nani; yinikeleleni ukutywina iintanda zendlu.

8. Bakúvuma ababingeleli ukungabi sathabatha mali ebantwini, nokuthi zingàtywinwa ngabo iintanda zendlu.

9. UYehoyada umbingeleli wathabatha umkhombe, waphehla intunja esicikweni sawo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni endlwini kaYehova, ukuze ababingeleli abagcina umbundu womnyango bayibeke khona yonke imali eziswayo endlwini kaYehova.

10. Kube kusithi, bakubona ukuba ininzi imali emkhombeni, enyuke umbhali wokumkani nombingeleli omkhulu, bayibophe ngengxowa, bayibale imali efunyenweyo endlwini kaYehova.

2 Ookumkani 12