2 Ookumkani 10:25-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kwathi, xa abegqibile ukulenza idini elinyukayo, wathi uYehu kwizigidimi nakubaphathi-mikhosi, Ngenani nibabulale; makungaphumi mntu. Babaxabela ke ngohlangothi lwekrele; zabaphosa phandle izigidimi nabaphathi-mikhosi.

26. Zaya enqabeni yendlu kaBhahali, zazikhupha iintsika zendlu kaBhahali, zazitshisa;

27. zazidiliza izimiso zamatye zikaBhahali, zayidiliza indlu kaBhahali, zayenza indawo ekuyiwa kuyo endle unanamhla.

28. UYehu wamtshabalalisa ke uBhahali kwaSirayeli;

29. kodwa izono zikaYarobheham, unyana kaNebhati, awawonisa amaSirayeli ngazo, uYehu akatyekanga ekuzilandeleni, ezingamathole egolide abeseBheteli nabekwaDan.

30. Wathi uYehova kuYehu, Ngenxa enokuba ulungisile ukwenza okuthe tye emehlweni am, wenza kwindlu ka-Ahabhi njengako konke okusentliziyweni yam: oonyana bakho besizukulwana sesiné baya kukuhlalela etroneni yakwaSirayeli.

31. Ke uYehu akakugcinanga ukuhamba ngomyalelo kaYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke; akatyekanga ezonweni zikaYarobheham, awawonisa ngazo amaSirayeli.

32. Ngaloo mihla waqala uYehova ukunciphisa kumaSirayeli. Wawaxabela uHazayeli emideni yonke yakwaSirayeli,

2 Ookumkani 10