2 Kwabasekorinte 9:13-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. besithi nje, ngako ukucikideka kolo lulungiselelo, bamzukise uThixo ngenxa yokulululamela kwenu uvumo lwenu ngokusingisele kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, nangenxa yokunyanisa kokudlelana kwenu ngokusingisele kubo nakubantu bonke;

14. bakubon' ukuba nabo bayanilangazelela, benikhungela ngenxa yobabalo lukaThixo oluncamisileyo kuni aba.

15. Makubulelwe ke kuThixo ngenxa yesipho sakhe singenambali.

2 Kwabasekorinte 9