1. Kuba okunene ngako ukulungiselela abangcwele, akufuneki kona ukuba ndinibhalele.
2. Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abona baninzi.
3. Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu elingáni lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile;
4. hleze kuthi, ukuba bathe bafika nam abelaseMakedoni, banifumana ningekalungi, sidaniswe thina (ukuba asingethi, kudane nina) koko kukholosa kokuqhayisa.