2 Kwabasekorinte 9:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba okunene ngako ukulungiselela abangcwele, akufuneki kona ukuba ndinibhalele.

2. Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abona baninzi.

3. Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu elingáni lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile;

4. hleze kuthi, ukuba bathe bafika nam abelaseMakedoni, banifumana ningekalungi, sidaniswe thina (ukuba asingethi, kudane nina) koko kukholosa kokuqhayisa.

2 Kwabasekorinte 9