3. Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndíkholosile ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.
4. Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.
5. Ke ukuba ubani wenzé kwabuhlungu, akenzé kwabuhlungu mna, wenzé ngenxenye nina nonke; nditsho ukuze ndingamcinezeli.
6. Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwábona baninzi kuni;