2 Izikronike 36:9-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. UYehoyakin ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu ezineentsuku ezilishumi engukumkani eYerusalem; wenza okubi phambi koYehova.

10. Ekuveleni komnyaka, ukumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabheli, kunye neempahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova; wenza uZedekiya, umninawa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda naseYerusalem.

11. UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem.

12. Wenza okubi phambi koYehova uThixo wakhe, akazithoba ebusweni bukaYeremiya umprofeti, obethetha okwasemlonyeni kaYehova.

13. Kananjalo wagwilika kukumkani, kuNebhukadenetsare, obemfungise uThixo; waba ngontamo ilukuni, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze angabuyeli kuYehova, uThixo wakwaSirayeli.

14. Kananjalo bonke abathetheli bababingeleli nabantu bandisa ukwenza ubumenemene ngokwamasikizi onke eentlanga; bayenza inqambi indlu kaYehova, awayingcwalisayo eYerusalem.

15. UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe.

2 Izikronike 36