4. Wabingelela waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
5. UYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wama-Aram;* ameyisa, athimba kuye into eninzi yabathinjwa, abása eDamasko. Kananjalo wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, uPeka; wabulala kwimpi yakhe kakhulu.
6. UPeka, unyana kaRemaliya, wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti, ngokushiya kwabo uYehova, uThixo wooyise.
7. UZikri, igorha lakwaEfrayim, wabulala uMahaseya unyana wokumkani, noAzerikam ingànga yendlu yakhe, noElikana onganeno kokumkani.