2 Izikronike 23:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. UYehoyada umbingeleli wabanika abathethelimakhulu iintshuntshe, neengweletshetshe, namakhaka, abengakakumkani uDavide, abesendlwini kaThixo.

10. Wabamisa bonke abantu, elowo eneentonga zakhe esandleni; bathabathela kwelokunene igxalaba lendlu besa kwelokhohlo igxalaba lendlu, ngasesibingelelweni nangasendlwini, kukumkani ngeenxa zonke.

11. Bamkhuphela phandle unyana wokumkani, bamfaka isithsaba, bamnika isingqiniso, bamenza ukumkani. UYehoyada noonyana bakhe bamthambisa, bathi, Makadle ubomi ukumkani!

12. Uthe uAtaliya akusiva isandi sabantu, begidima, bedumisa ukumkani, weza ebantwini endlwini kaYehova.

2 Izikronike 23