6. UAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, ùthe tye wena; kùhle emehlweni am ukuphuma kwakho nokungena kwakho nam emkhosini; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kuthabathela kumhla wokuza kwakho kum, kuzise kule mini; ke emehlweni ezikhulu akumhle.
7. Ke ngoko buya, uhambe unoxolo, ungenzi bubi emehlweni ezikhulu zamaFilisti.
8. Wathi uDavide kuAkishe, Ndenzé ntoni na? Ùfumene ntoni na kumkhonzi wakho, kuthabathela kumhla wokubakho kwam phambi kwakho, kuzise kule mini, ukuba ndingayi nje, ndilwe neentshaba zenkosi yam ukumkani?
9. Waphendula uAkishe wathi kuDavide, Ndiyazi ukuba ùlungile emehlweni am njengesithunywa sikaThixo; kodwa abathetheli bamaFilisti bathe, Makangenyuki nathi, aye ekulweni.
10. Ngoko vuka kusasa ngomso, nabakhonzi benkosi yakho abazé nawe; nivuke kusasa ke ngomso, kwakusathi nwe, nihambe.
11. Bavuka ke kusasa uDavide, yena namadoda akhe, bahamba kwakusasa, babuyela ezweni lamaFilisti. AmaFilisti enyuka ke, aya eYizereli.