1 Usamuweli 24:18-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Wena uxelile namhla ukuba undenzé okulungileyo; kuba uYehova ebendinikele esandleni sakho, akwandibulala.

19. Xa umntu alufumanayo utshaba lwakhe, wólundulula ngendlela elungileyo yini na? UYehova makabuyekeze kuwe okulungileyo ngenxa yoko undenze ngako namhla.

20. Kaloku yabona, ndiyazi ukuba uya kuba ngukumkani okunene, bume esandleni sakho ubukumkani bakwaSirayeli.

1 Usamuweli 24