24. Wazímela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle.
25. Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa indawo kaDavide.
26. Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; àkahlambulukile, inene, akahlambulukile.
27. Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?