1 Usamuweli 18:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xa agqibileyo ukuthetha kuSawule, umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide; uYonatan wamthanda njengomphefumlo wakhe.

2. USawule wamthabatha ngaloo mini, akamvumela ukuba abuyele endlwini kayise.

3. Benza umnqophiso ooYonatan noDavide, ngokumthanda kwakhe njengomphefumlo wakhe.

4. UYonatan wazihluba ingubo yokwaleka abenayo, wayinika uDavide, neengubo zakhe zokulwa, kwesa nakwikrele lakhe, nakwisaphetha sakhe, nakumbhinqo wakhe.

5. Waphuma uDavide, waya apho wathunywa khona nguSawule, wenza ngengqiqo. USawule wammisa phezu kwamadoda okulwa; walunga emehlweni abantu bonke, nasemehlweni abakhonzi bakaSawule.

6. Kwathi ekufikeni kwabo, ekubuyeni kukaDavide ekumbulaleni umFilisti, baphuma abafazi emizini yonke yakwaSirayeli, bevuma ingoma, bengqungqa, besiza kumkhawulela uSawule ukumkani ngeengqongqo, nangovuyo, nangeetriyangile.*

7. Bavuma abafazi abaqambayo, bathi,USawule ubulele amawaka akhe,UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi.

8. USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamniké amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.

1 Usamuweli 18