56. Wathi ukumkani, Buza ukuba ingunyana kabani na le ndodana.
57. Xa uDavide wabuyayo ekumbulaleni umFilisti, uAbhinere wamthabatha, wamzisa phambi koSawule, ephethe ngesandla intloko yomFilisti.
58. Wathi uSawule kuye, Ùngunyana kabani na, mfanandini? Wathi uDavide, Ndingunyana womkhonzi wakho, uYese waseBhetelehem.