1 Usamuweli 17:39-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. UDavide walibhinqa ikrele ngaphezu kweengubo zakhe, wazama ukuhamba ngazo; ngokuba ebengekazilingi. Wathi uDavide kuSawule, Andinako ukuhamba nezi zinto, ngokuba andizilinganga. UDavide wazihluba.

40. Wathabatha intonga yakhe esandleni sakhe, wanyula amatye amahlanu abuthelezi emlanjaneni, wawafaka empahleni yabalusi abenayo, eyingxowa, ephethe inkwitshi yakhe esandleni sakhe, weza kumFilisti lowo.

41. UmFilisti wahamba, waya esondela kuDavide, nendoda ephatha ikhaka lakhe ihamba phambi kwakhe.

42. UmFilisti wondela, wambona uDavide, wamdela; ngokuba ebesengumfana oyingqombo, emhle imbonakalo.

43. Wathi umFilisti kuDavide, Ndiyinja na, ukuba uze kum uneentonga? UmFilisti wamtshabhisa uDavide ngoothixo bakhe.

44. Wathi umFilisti kuDavide, Yiza kum apha, ndiyinike iintaka zezulu namarhamncwa asendle inyama yakho.

45. Wathi uDavide kumFilisti, Wena uza kum unekrele, nentshuntshe, nomkhonto; ke mna ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zakwaSirayeli omngcikivileyo.

46. Namhlanje uYehova uya kukunikela esandleni sam, ndikubulale, ndikunqumle intloko, namhla ndizinike iintaka zezulu namarhamncwa omhlaba izidumbu zomkhosi wamaFilisti, wazi wonke umhlaba ukuba amaSirayeli anaye uThixo;

47. lazi lonke eli bandla, ukuba àkungakrele, àkungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; wòninikela ke esandleni sethu.

1 Usamuweli 17