27. Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka.
28. Wathi uSamuweli kuye, UYehova ukukrazule kuwe namhla ubukumkani bakwaSirayeli, wabunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
29. Kananjalo uQele-likaSirayeli akaxoki, akazohlwayi; ngokuba akangumntu ukuba azohlwaye.
30. Wathi yena, Ndonile; wòsewundizukisa phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova, uThixo wakho.
31. Wabuya ke uSamuweli, walandela uSawule; uSawule wamnqula uYehova.