1 Usamuweli 10:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwathi, bakumbona bonke ababemazi ngaphambili, eprofeta ndawonye nabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ukúbaprofeti noSawule na?

12. Waphendula umntu wakhona, wathi, Ngubani na uyise wabo? Ngenxa yoko kwabakho umzekeliso wokuthi, Ukúbaprofeti noSawule na?

13. Wagqiba ukuprofeta, waya esigangeni.

14. Wathi uyisekazi kaSawule kuye, nakumfana lowo, Beniye phi na? Wathi, Besifuna iimazi zamaesile; sakùbona ukuba asizifumani, saya kuSamuweli.

1 Usamuweli 10