1 Usamuweli 1:24-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Wenyuka naye, akuba emlumle, eneenkunzi ezintathu ezintsha, ne-efa* yomgubo, nentsuba yewayini, wamsa endlwini kaYehova eShilo, umntwana lowo esemncinane.

25. Bayixhela inkunzi entsha, bamsa umntwana kuEli.

26. Wathi, Camagu, nkosi yam! Úhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kuwe apha, ethandaza kuYehova.

27. Ndandithandazela lo mntwana; Ășndinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye;

28. nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Wamnqula khona uYehova.

1 Usamuweli 1