1. Ke kaloku kwakukho ndoda ithile yaseRama, umTsofi, yakweleentaba lakwaEfrayim, egama belinguElikana, unyana kaYeroham, unyana kaElihu, unyana kaTohu, unyana kaTsufi, wakwaEfrayim.
2. Yayinabafazi ababini; igama lomnye lalinguHana,* igama lowesibini linguPenina;* uPenina ke wayenabantwana, uHana yena engenabantwana.
3. Indoda leyo ibinyuka ivela emzini wayo iminyaka ngeminyaka, iye kunqula, ibingelele kuYehova wemikhosi eShilo. Babekhona ke oonyana bakaEli ababini, ooHofeni noPinehasi, ababingeleli bakaYehova.
4. Kwathi ngemini awabingelela ngayo uElikana, wamnika uPenina umkakhe, noonyana bakhe bonke, neentombi zakhe, izabelo.
5. Ke uHana wamnika isabelo sabantu ababini, ngokuba ebemthanda uHana; ke uYehova ebesivalile isizalo sakhe.
6. Waza umkhweleteli wakhe wamana emchunuba, ukuze ade acunuke; ngokuba uYehova ebesivalile isizalo sakhe.
7. Wenjenjalo uElikana iminyaka ngeminyaka, xa wenyukayo ukuya endlwini kaYehova; wenjenjalo uPenina ukumqumbisa; uHana walila, akadla.