11. USolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka eekore* zengqolowa, ukuba idle indlu yakhe; namashumi omabini eekore zeoli engqushiweyo; wenjenjalo ke uSolomon ukumnika uHiram iminyaka ngeminyaka.
12. UYehova wamnika ubulumko uSolomon, njengoko wayekuthethile kuye; lwaba luxolo phakathi koHiram noSolomon: benza umnqophiso bobabini.
13. Ukumkani uSolomon wahlahla abafakwa uviko kumaSirayeli onke; abo bafakwa uviko babengamashumi omathathu amawaka amadoda.
14. Wabathuma eLebhanon, ishumi lamawaka ngenyanga, bekhululana; inyanga enye babe seLebhanon, iinyanga ezimbini babe sekhaya; ke uAdoniram ubephethe abo bafakwa uviko.
15. USolomon ebenamashumi asixhenxe amawaka athwala imithwalo, namashumi osibhozo amawaka abeqingqa amatye ezintabeni;