7. USolomon ubenabongameli abalishumi elinababini phezu kwamaSirayeli onke, ababemxhasa ukumkani nendlu yakhe: elowo ubexhasa ngenyanga yakhe ngomnyaka.
8. Ngawo ke la amagama abo: nguBhen-hure, wakweleentaba lakwaEfrayim;
9. nguBhen-dekere eMakatse, naseShahalebhim, naseBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan;
10. nguBhen-hesede eArubhoti; yayikuye iSoko, nelizwe lonke lakwaHefere;
11. nguBhen-abhinadabhi ezindulini zonke zaseDore: uTafati intombi kaSolomon ibingumkakhe;