1 Ookumkani 3:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USolomon ke wákha ubuhlobo noFaro ukumkani wamaYiputa; wazeka intombi kaFaro, wayizisa emzini kaDavide, wada wayigqiba ukuyakha indlu yakhe, nendlu kaYehova, nodonga lwaseYerusalem ngeenxa zonke.

2. Kodwa ke abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba belingekakhelwa ndlu igama likaYehova, kwada kwayiloo mihla.

3. USolomon ubemthanda uYehova, ehamba emimiselweni kaDavide uyise; kodwa ke ubebingelela eqhumisela ezigangeni yena.

4. Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngokuba ibisiso isigánga esikhulu; uSolomon wenyusa iwaka lamadini anyukayo kweso sibingelelo.

5. UYehova wabonakala kuSolomon eGibheyon apho ngephupha ebusuku, wathi uThixo, Cela into, ndikuphe.

1 Ookumkani 3