1 Ookumkani 22:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwahlalwa iminyaka yamithathu, kungekho mfazwe phakathi kwama-Aram* namaSirayeli.

2. Kwathi ngomnyaka wesithathu wehla uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani wakwaSirayeli.

3. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Anazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukanti sithe cwaka thina; asiyihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram?

4. Wathi kuYehoshafati, Wòhamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.

5. Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuze ilizwi likaYehova namhla.

6. Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amané amadoda, wathi kubo, Ndíye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.

1 Ookumkani 22