1 Ookumkani 14:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.

2. Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangàkwazi ukuba ungumka Yarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;

3. uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wókuxelela okuya kubakho kulo mntwana.

4. Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya.Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.

5. Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wóthi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.

1 Ookumkani 14