Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangàkwazi ukuba ungumka Yarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;