5. nokudla kwetafile yakhe, nokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abenyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
6. Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva, ezweni lam, lezinto zakho nobulumko bakho.
7. Andikholwanga ngamazwi lawo, ndada ndeza, abona amehlo am; ùyabona, bendingaxelelwanga nesiqingatha esi. Ùlugqithile ngobulumko nangokulunga udada ebendiluvile.
8. Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.
9. Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
10. Ukumkanikazi wamnika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente* zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube saziswa bulawu bungangobo ukuba buninzi kwabo, obo ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.
11. Kananjalo isinqanawa sikaHiram, esathutha igolide kwaOfire, savela kwaOfire nemialmugi* emininzi kunene, namatye anqabileyo.
12. Imialmugi leyo ukumkani wayenza iintsika zendlu kaYehova, nezeyendlu yokumkani, neehadi nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kube saziswa mialmugi injalo, akubonwanga injalo unanamhla.
13. Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke akunanzileyo, awakucelayo; kukodwa khona awamnikayo ngokwamandla okuba engukumkani uSolomon. Wajika ke, waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
14. Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu mathandathu anamanci mathandathu anesithandathu iitalente zegolide.
15. Iyodwa eyabarhwebi, neyentengiso yabathengisi, neyookumkani bonke bomxukuxela, neyamabamba elizwe.
16. Ukumkani uSolomon wênza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando; zangamakhulu amathandathu iishekele* zegolide, awaleka ngazo khaka linye.
17. Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zaba ntathu iimina* zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
18. Ukumkani wenza itrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaléka ngegolide engcwengiweyo.