20. Kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.
21. Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ecikizekileyo; bekungekho yasilivere; ibingento yakonto yona ngemihla kaSolomon.
22. Ngokuba ukumkani ubenesinqanawa saseTarshishe elwandle, ndawonye nesinqanawa sikaHiram; seza kanye ngeminyaka emithathu isinqanawa eso saseTarshishe, sithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.*
23. Waba mkhulu ke ukumkani uSolomon, ngaphezu kookumkani bonke behlabathi, ngobutyebi nangobulumko.
24. Lonke ihlabathi laye lifuna ubuso bukaSolomon, ukuba live ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.
25. Bazisa elowo umnikelo wakhe; iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.
26. USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo, waba newaka elinamakhulu amané eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka ezo zinto emizini yeenqwelo zokulwa, nakukumkani eYerusalem.
27. Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare* wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.
28. Amahashe abenawo uSolomon avela eYiputa; laza iqela labathengela ukumkani lalithabatha iqela ngalinye ngenani elithile.
29. Kwenyuka kwaphuma inqwelo yokulwa eYiputa ngamakhulu amathandathu eeshekele* zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu; benjenjalo bona ngokwabo ukubathuthela ookumkani bonke bamaHeti, nookumkani bama-Aram.*