1. Ke kaloku ukumkani uDavide ubeseleyindoda enkulu, ehambisekile ebudaleni; bamgubungela ngeengubo, akaba nakufudumala noko.
2. Bathi abakhonzi bakhe kuye, Inkosi yethu ukumkani mayifunelwe inkakazana eseyintombi, ime phambi kokumkani, imonge, ilale esifubeni sakhe, ifudumale inkosi yethu ukumkani.
3. Bafuna ke intombi eyinzwakazi emideni yonke yakwaSirayeli, bafumana uAbhishagi waseShunem, bamzisa kukumkani.
4. Inkakazana leyo yayiyinzwakazi encamisileyo, yamonga ukumkani, yamlungiselela; ukumkani akayazi.
5. Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiya kuba ngukumkani. Wazenzela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi omahlanu okutshayelela phambi kwakhe.
6. Uyise ebengamenzanga buhlungu nemini enye ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje? Kananjalo ubengumfo osiqu sihle; unina wamzala emva koAbhisalom.