1 Kwabasetesalonika 4:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo;

6. ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa.

7. Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni.

8. Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.

9. Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane;

10. kuba okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Siyanivuselela ke, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi;

11. nokuba nizondelele ukuba nizole, nenze ezenu izinto, nisebenze ngezenu izandla, njengoko saniyalayo;

1 Kwabasetesalonika 4