17. Kuba xa ndikwenzayo oko ndínokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje.
18. Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukúkuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.
19. Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi.
20. KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho;
21. kwabo bangenamthetho, ndaba njengongenamthetho (ndingenguye phofu ongenamthetho kuThixo, ndingosemthethweni kuKristu), ukuze ndibazuze abangenamthetho;
22. kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye.
23. Oko ke ndakwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo.
24. Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.