1 Kwabasekorinte 7:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka.

10. Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; ndithi, Umfazi makangahlukani nendoda

11. (ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe); indoda mayingamali umfazi wayo.

12. Ke kaloku kwabanye ndithi mna, àkutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali.

13. Nomfazi onendoda engakholiweyo, ize yona ithande ukuhlala naye, makangayali.

14. Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungoku ke bangcwele.

15. Kodwa ke ukuba lowo ungakholiweyo uyahluka, makahluke; umzalwana nokuba ngudade akabotshelelwe, xa kunjalo; ke uThixo usibizele eluxolweni.

16. Kuba, wazi ngani na, mfazi, ukuba woyisindisa indoda yakho? Wazi ngani na, ndoda, ukuba womsindisa umfazi wakho?

1 Kwabasekorinte 7