1 Kwabasekorinte 4:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. sithi sinyeliswa, sibe siyala; sixeliswa inkunkuma yehlabathi, inkuthu yezinto zonke, kude kube ngoku.

14. Ezo nto andizibhaleli ukuba nidane; ndiyaniluleka njengabantwana bam abathandekayo.

15. Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, àbabaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.

16. Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna.

17. Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintánda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.

18. Ke kaloku inxenye ithe yakhukhumala, ngathi andiyi kuza kuni.

1 Kwabasekorinte 4