1. Makenjenjalo ke umntu ukucinga ngathi, athi singabakhonzi bakaKristu, athi singamagosa eemfihlelo zikaThixo.
2. Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile.
3. Kum ke yeyona nto incinanana, ukuba ndincinwe nini, nayimini yamatyala yabantu; ke andizincini nam ngokwam,
4. kuba andizazeleli nto; noko andigwetyelwe koko; ondincinayo ke yiNkosi.
5. Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.
6. Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi aba, ukuba ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.
7. Kuba ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga? Phofu ke, ukuba wamkelisiwe, uqhayiselani na, ngathi akwamkeliswanga?
8. Senihluthi, senizizityebi, nalawula ningenathi; akwaba ke kambe beningabalawuli, ukuze nathi silawule kunye nani.
9. Kuba ngathi mna, uThixo thina bapostile* usivelise mva, sanga singabamiselwe ukufa; kuba sanekwé senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu.
10. Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; thina siswele amandla, ke nina nomelele; nina nizukile, ke thina siswele imbeko.
11. Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba zé, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka,