1 Kwabasekorinte 14:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizizondelela izipho ezizezoMoya, ngokukodwa ke ukuba niprofete.

2. Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo.

3. Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo.

4. Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla.

5. Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.

1 Kwabasekorinte 14