1 Kwabasekorinte 13:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu; uthando ke ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.

2. Ndingafanelana ndinabo nobuprofeto, ndizazi iimfihlelo zonke, ndinako konke ukwazi; ndingafanelana ndinalo lonke ukholo, ngokokude ndisuse iintaba, uthando ke ndingenalo, andinto yanto.

3. Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.

4. Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi;

5. alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa;

6. alucaphuki; alunanzondo; aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.

7. Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.

8. Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.

1 Kwabasekorinte 13