1 Kwabasekorinte 1:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPawulos, umpostile* kaYesu Kristu, obizwe ngokuthanda kukaThixo, noSostenes umzalwana,

2. ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwaliselwe kuKristu Yesu, ababizwe ukuba babe ngcwele, kunye nabo bonke abalinqulayo igama leNkosi yethu uYesu Kristu ezindaweni zonke, ezabo kwanezethu:

3. uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

1 Kwabasekorinte 1