1 Izikronike 9:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa: nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo.

2. Abemi bokuqala, ababesemafeni abo emizini yabo, babengamaSirayeli, ababingeleli, nabaLevi, nabasebenza etempileni.

1 Izikronike 9