1 Izikronike 8:36-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. UAhazi wazala uYehowada; uYehowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri;

37. uZimri wazala uMotsa; uMotsa wazala uBhineha. NguRafa unyana wakhe, nguElehasa unyana wakhe, nguAtsele unyana wakhe.

38. UAtsele ebenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo; nguAzerikam, nguBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Bonke abo babengoonyana baka-Atsele.

39. Oonyana bakaEsheki, umzalwana wakhe, ngu-Ulam amazibulo akhe, nguYehushe owesibini, nguElifelete owesithathu.

1 Izikronike 8