1 Izikronike 27:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Owesiné ngenyanga yesiné ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

8. Owesihlanu umthetheli ngenyanga yesihlanu ibinguShamuti umIzra; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

9. Owesithandathu ngenyanga yesithandathu ibinguIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

10. Owesixhenxe ngenyanga yesixhenxe ibinguHeletse umPelon, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

11. Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

12. Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

13. Oweshumi ngenyanga yeshumi ibinguMaharayi umNetofa wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

14. Oweshumi elinamnye ngenyanga yeshumi elinanye ibinguBhenaya umPiraton, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

15. Oweshumi elinesibini ngenyanga yeshumi elinesibini ibinguHeledayi umNetofa, kaOteniyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.

16. Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen ingànga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka;

17. kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli;

18. kwa-Aron nguTsadoki; kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide; kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli;

19. kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya; kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli;

1 Izikronike 27