1 Izikronike 23:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamané amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.

5. Abamasango baba ngamawaka amané; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amané.

6. UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.

7. KumaGershon yanguLadan noShimehi.

8. Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.

9. Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.

10. Oonyana bakaShimehi nguYahati, noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bané.

11. UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.

12. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bané.

13. Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisèle phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni.

14. Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi.

15. Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere.

1 Izikronike 23